INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 33

Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron.
2 UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:
3 Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
4 AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.
5 Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti.
6 Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango.
7 Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahali-tsefon, bamisa phambi kweMigidoli.
8 Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara.
9 Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.
10 Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu.
11 Banduluka eLwandle oluBomvu, bamisa entlango yeSin.
12 Banduluka entlango yeSin, bamisa eDofeka.
13 Banduluka eDofeka, bamisa eAlushe.
14 Banduluka eAlushe, bamisa eRefidim, apho kwakungekho manzi okuba abantu basele.
15 Banduluka eRefidim, bamisa entlango yeSinayi.
16 Banduluka entlango yeSinayi, bamisa eKibroti-hatahava.
17 Banduluka eKibroti-hatahava, bamisa eHatseroti.
18 Banduluka eHatseroti, bamisa eRitema.
19 Banduluka eRitema, bamisa eRimon-peretse.
20 Banduluka eRimon-peretse, bamisa eLibhena.
21 Banduluka eLibhena, bamisa eRisa.
22 Banduluka eRisa, bamisa eKehelata.
23 Banduluka eKehelata, bamisa entabeni yeShefere.
24 Banduluka entabeni yeShefere, bamisa eHarada.
25 Banduluka eHarada, bamisa eMakeloti.
26 Banduluka eMakeloti, bamisa eTahati.
27 Banduluka eTahati, bamisa eTara.
28 Banduluka eTara, bamisa eMiteka.
29 Banduluka eMiteka, bamisa eHashemona.
30 Banduluka eHashemona, bamisa eMoseroti.
31 Banduluka eMoseroti, bamisa eBhene-yahakan.
32 Banduluka eBhene-yahakan, bamisa emqolombeni waseGidegadi.
33 Banduluka emqolombeni waseGidegadi, bamisa eYotebhata.
34 Banduluka eYotebhata, bamisa eAbrona.
35 Banduluka eAbrona, bamisa e-Etsiyon-gebhere.
36 Banduluka e-Etsiyon-gebhere, bamisa entlango yeTsin eyiKadeshe.
37 Banduluka eKadeshe, bamisa entabeni yeHore, esiphelweni selizwe lwakwaEdom.
38 Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amane wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo.
39 UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore.
40 Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.
41 Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.
42 Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.
43 Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.
44 Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.
45 Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.
46 Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-dihlatayim.
47 Banduluka eAlimon-dihlatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho.
48 Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko,
49 Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi.
50 Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,
51 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,
52 nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise;
53 nilihluthe ilizwe, nihlale kulo; kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo.
54 Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu. Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothiliwe kuyo iqashiso lawo. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo.
55 Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babengameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo.
56 Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni.