INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 9

Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, ngenyanga yokuqala, esithi,
2 Oonyana bakaSirayeli mabayenze ipasika ngexesha layo elimisiweyo.
3 Noyenza ngomhla weshumi elinesine kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke.
4 Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika.
5 Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
6 Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;
7 athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?
8 Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni nangani.
9 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
10 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.
11 Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra;
12 bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.
13 Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.
14 Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.
15 Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.
16 Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.
17 Kube kusithi, linganyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.
18 Ngokomlomo kaYehova banduluka oonyana bakaSirayeli, ngokomlomo kaYehova bamisa; yonke imihla elathi zinzi ngayo ilifu phezu komnquba, bamisa.
19 Lakolula ilifu imihla emininzi lihleli phezu komnquba, basigcina isigxina sikaYehova oonyana bakaSirayeli, abanduluka.
20 Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka.
21 Kube kusithi lakubakho ilifu ngokuhlwa kude kuse, lakunyuswa ke ilifu kwakusa, banduluke; nokubabekusemini, nokuba bekusebusuku, lakunyuswa ilifu, banduluka.
22 Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka.
23 Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. Basigcina isigxina sikaYehova ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.