INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 31

Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wohlanganiselwa ebantwini bakowenu.
3 Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
4 iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nowathuma aphume umkhosi.
5 Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.
6 Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.
7 Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.
8 Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.
9 Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.
10 Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;
11 bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo.
12 Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantoshini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.
13 Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba.
14 UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.
15 Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana?
16 Yabonani, ngawo la athi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova.
17 Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni; namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni.
18 Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni.
19 Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nozihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo.
20 Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nozihlambulula.
21 Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses.
22 Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe,
23 yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini.
24 Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.
25 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
26 Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wenanoElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla.
27 Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke:
28 urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphume umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane.
29 Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova.
30 Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.
31 Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
32 Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane;
33 ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo;
34 ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile;
35 neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka.
36 Isiqingatha, isabelo sabaphuma umkhosi ngokwenani, saba yimpahla emfutshane engamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu;
37 inani likaYehova empahleni emfutshane, ngamakhulu omathandathu, anamanci asixhenxe anantlanu.
38 Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; kuzo, inani likaYehova ngamashumi osixhenxe anambini.
39 Amaesile, ngamashumi omathandathu amawaka, anamakhulu omahlanu; kuwo, inani likaYehova ngamashumi omathandathu ananye.
40 Iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka; kuzo, inani likaYehova, iziqu zabantu, ngamashumi omathathu anazibini.
41 UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
42 Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi,
43 isiqingatha esisesebandla, empahleni emfutshane, saba ngamakhulu omathathu amawaka, anamancimathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu.
44 Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka;
45 amaesile, ngamashumi omathathu amawaka, anamakhulu mahlanu;
46 iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka.
47 Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
48 Basondela kuMoses abaveleli ababengabamawaka omkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu,
49 bathi kuMoses, Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda okulwa, abesezandleni zethu; akukho nanye indoda engekhoyo kuthi.
50 Sisondeze umsondezo kaYehova, elowo ngokufumana kwakhe, impahla yegolide imixhaka, nezacholo, nemisesane yokutywina, namajikazi, nezidanga, ukuba siyicamagushele imiphefumlo yethu phambi koYehova.
51 Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubo, yonke impahla esetyenziweyo.
52 Yonke igolide yomrhumo ababeyirhumele uYehova yaba ziishekele ezilishumi elinesithandathu lamawaka, anamakhulu osixhenxe, anamanci mahlanu, evela kubathetheli-waka, evela kubathetheli-khulu.
53 Wona amadoda abephume umkhosi abezithimbele.
54 Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubathetheli-waka nakubathetheli-khulu, bayingenisa ententeni yokuhlangana. Yaba sisikhumbuzo soonyana bakaSirayeli phambi koYehova.