IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 1

Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uMoses kumaSirayeli onke phesheya kweYordan entlango, eArabha, malungana noLwandle oluBomvu, phakathi kweParan, neTofele, neLabhan, neHatseroti, neDizahabhi.
2 Ziintsuku ezilishumi elinalunye ukusuka eHorebhe ngendlela yentaba yakwaSehire, ukuya eKadeshe-bharneha.
3 Ngomnyaka wamashumi omane, ngenyanga yeshumi elinanye, ngolokuqala enyangeni leyo, wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova abemwisele umthetho ngako kubo.
4 Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi,
5 phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:
6 UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.
7 Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.
8 Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungayo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
9 Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.
10 UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.
11 UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.
12 Ndingathini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu?
13 Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.
14 Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.
15 Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa aba ziintloko phezu kwenu: abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu.
16 Ndabawisela umthetho abaphathi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye.
17 Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu; ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive.
18 Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza.
19 Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada seza eKadeshe-bharneha.
20 Ndathi ke kuni, Nifikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova, uThixo wethu.
21 Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo: nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.
22 Nasondela ke kum nina aba nonke, nathi, Masisuse amadoda, asandulele, asihlolele ilizwe elo, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo.
23 Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni.
24 Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola.
25 Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.
26 Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.
27 Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wasikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
28 Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
29 Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.
30 NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;
31 nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.
32 Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu,
33 ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.
34 Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi,
35 Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo,
36 ingenguKalebhi unyana kaYefune; wolibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
37 Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.
38 UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.
39 Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.
40 Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
41 Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.
42 Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba andikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.
43 Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.
44 Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma.
45 Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe.
46 Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.