IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 10

Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;
2 ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.
3 Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.
4 Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.
5 Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
6 Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
7 Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.
8 Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.
9 Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
10 Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
11 Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balime ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.
12 Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;
13 ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?
14 Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.
15 UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
16 Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.
17 Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;
18 ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.
19 Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.
20 Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.
21 Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho.
22 Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.