IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 26

Kothi, xa uthe wangena ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, walihlutha, wema kulo:
2 uthabathe inxenye yolibo lweziqhamo zonke zomhlaba oya kuzingenisa, ziphuma ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, uzibeke engobozini; uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela, ukuba alibeke khona igama lakhe;
3 uye kumbingeleli othe wakho ngaloo mihla, uthi kuye, Ndiyaxela namhla kuYehova uThixo wakho, ukuba ndingenile kulo ilizwe, awafungayo uYehova koobawo ukuba wosinika lona.
4 Woyithabatha ke umbingeleli ingobozi esandleni sakho. ayibeke phantsi phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wakho.
5 Uze uphendule ke uthi phambi koYehova uThixo wakho, EbengumAram ochithakeleyo ubawo. Wehla waya eYiputa, waphambukela khona, ebantu bambalwa; waba luhlanga ke khona olukhulu olunamandla, oluninzi.
6 Asiphatha kakubi amaYiputa, asicinezela, abeka umsebenzi onzima phezu kwethu.
7 Sakhala kuYehova uThixo woobawo, waliphulaphula uYehova ilizwi lethu; wazibona iintsizi zethu, nokwaphuka kwethu, nokuxinwa kwethu.
8 Wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, nangemiqondiso, nangezimanga;
9 wasingenisa kule ndawo, wasinika eli lizwe, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
10 Kaloku ke, nanku ndizise ulibo lweziqhamo zomhlaba lowo undinikileyo, Yehova. Uze uyibeke phantsi phambi koYehova uThixo wakho, uqubude phambi koYehova uThixo wakho;
11 uvuye nendlu yakho ezintweni zonke ezilungileyo akunikileyo uYehova uThixo wakho, wena, nomLevi, nomphambukeli ophakathi kwenu.
12 Xa uthe wagqiba ukunikela isishumi sonke songeniselo lwakho ngomnyaka wesithathu, ongumnyaka wezishumi wamnika umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, badla emasangweni akho, bahlutha:
13 wothi phambi koYehova uThixo wakho, Ndiyikhuphe kwee tu into engcwele endlwini yam; kananjalo ndimnikile umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, ngokomthetho wakho wonke ondiwiseleyo; andigqithanga emithethweni yakho, andilibalanga nto.
14 Andidlanga nto kuyo esililweni sam, andikhuphanga nto kuyo ebunqambini bam, andinikanga nto yayo ngenxa yofileyo. Ndiliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wam, ndenza ngako konke andiwisele umthetho ngako.
15 Vela ekhayeni lakho elingcwele emazulwini, uqondele, ubasikelele abantu bakho, amaSirayeli, nomhlaba lo usinikileyo, njengoko wafungayo koobawo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
16 Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
17 UYehova namhla umbangile wathi unguThixo kuwe, nokuba wena wohamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe.
18 NoYehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe;
19 aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.