IDuteronomi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34


Isahluko 34

Wenyuka ke uMoses, esuka ezi nkqantosini zakwaMowabhi, waya entabeni yeNebho, encotsheni yePisga, ekhangelene neYeriko. UYehova wambonisa lonke ilizwe laseGiliyadi, wasa kwaDan.
2 nelakwaNafetali lonke, nelizwe lakwaEfrayim noManase, nelizwe lonke lakwaYuda, wasa elwandle lwasentshonalanga;
3 nelasezantsi, nommandla wesihlambo seYeriko, umzi wamasundu, wasa eTsohare.
4 Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.
5 Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova.
6 Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla.
7 UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela.
8 Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imilula emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.
9 Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe uMoses wamwisela umthetho ngako.
10 Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni;
11 ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
12 nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.