UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 7

Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omane elizwe.
3 Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.
4 Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.
6 Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.
7 Uyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.
8 Ngoku kwakufuphi nje ndiya kuthulula phezu kwakho ubushushu bam, ndiwuphelelisele kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho onke amasikizi akho.
9 Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba mna Yehova ndingobethayo.
10 Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.
11 Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.
12 Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.
13 Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongengxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungabikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.
14 Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizele ingxokolo yabo yonke.
15 Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa.
16 Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe.
17 Zonke izandla ziya kuwa, onke amadolo aye angabi namandla;
18 babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.
19 Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangawuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.
20 Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo kubo.
21 Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele;
22 ndibususe ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele.
23 Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo.
24 Ndozisa abanobubi basezintlangeni, bazihluthe izindlu zabo, ndiliphelise ikratshi labanamandla, zihlanjelwe iingcwele zabo.
25 Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho.
26 Kuza umeyeliselo phezu komeyeliselo, kubekho udaba phezu kodaba, bafune umbono kumprofeti, ke umyalelo utshabalale ungabikho kumbingeleli, neqhinga kumadoda amakhulu.
27 Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo; bazi ukuba ndinguYehova.