UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 32

Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Wafanekiswa nengonyama entsha yeentlanga, nakuba ube unjengengwenya elwandle; waxhuma emilanjeni yakho, wawagxobha amanzi ngamathupha akho, wayinyathela imilambo yawo.
3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwutwabulula phezu kwakho umnatha wam, kunye nesikhungu sezizwe ezininzi, zikunyuse ngomnatha wam.
4 Ndiya kukulahlela emhlabeni, ndikujulele ebusweni belizwe, ndizihlalise phezu kwakho zonke iintaka zezulu, ndizihluthise ngawe izinto eziphilileyo zehlabathi lonke.
5 Ndoyibeka phezu kweentaba inyama yakho, ndiyizalise imifula ngezidumbu zakho;
6 ndiliseze ihlabathi ngokuphalala kwegazi lakho, lise ezintabeni; zizale izihlambo nguwe.
7 Ndiya kulisibekelisa izulu ekukucimeni kwam, ndizambathise iinkwenkwezi zalo ngezimnyama zokuzila. Ndiya kulisibekela ilanga ngamafu, nenyanga ingakhanyisi ngokukhanya kwayo.
8 Zonke izikhanyiso ezikhanyisayo ezulwini ndiya kuzambathisa ngezimnyama zokuzila ngenxa yakho, ndenze ubumnyama phezu kwelizwe lakho; itsho iNkosi uYehova.
9 Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga.
10 Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.
11 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela.
12 Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhuqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.
13 Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.
14 Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.
15 Ndakulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.
16 Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.
17 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18 Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahle baya emhadini.
19 Udlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.
20 Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikelwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.
21 Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.
22 Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,
23 ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.
24 Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehle baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehle baya emhadini.
25 Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bothusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehle baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.
26 Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
27 Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehlayo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.
28 Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.
29 Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehle baya emhadini.
30 Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangalukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehle baya emhadini.
31 UFaro uya kubabona, athuthuzeleke ngenxa yengxokolo yakhe yonke; uFaro ubulewe ngekrele nempi yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
32 Ngokuba ndamnika ukuba othuse ilizwe labahleliyo; ulalisiwe ke phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele, uFaro nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.