UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 35

Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire, uprofete ngayo,
3 uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.
4 Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova.
5 Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:
6 ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lokusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lokusukela igazi.
7 Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo.
8 Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo.
9 Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; nazi ukuba ndinguYehova.
10 Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona;
11 ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.
12 Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.
13 Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.
14 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe.
15 Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.