UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 19

Wena ke, yenza isijwili ngezikhulu zakwaSirayeli, uthi,
2 Uyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha.
3 Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu.
4 Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwe amakhonkco.
5 Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha.
6 Lahambahamba phakathi kweengonyamakazi, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; labadla abantu.
7 Labazi abahlolokazi babo, layenza amanxuwa imizi yabo, kwaba senkangala kwilizwe nakwinzaliseko yalo, ngezwi lokubharhula kwalo.
8 Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo.
9 Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalisa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.
10 Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.
11 Waba namasebe aqinileyo okuba ziintonga zabalawuli. Ubude bawo baphakama baphezulu, phakathi kweengqimba zamafu; wabonakala ekuphakameni kwawo ngobuninzi bamasebe awo.
12 Wanyothulwa ke ngobushushu, wakhahlelwa emhlabeni, ulophu lwasempumalanga lwazomisa iziqhamo zawo; axhuzulwa oma amasebe awo aqinileyo, atsha ngumlilo.
13 Ngoku ke utyelwe entlango, ezweni elingumqwebedu, elomileyo.
14 Kuphume ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili.