UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 5

Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele.
2 Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.
3 Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;
4 ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuyo kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.
5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.
6 Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam.
7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, anahamba ngemimiselo yam, anawenza amasiko am, anenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:
8 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;
9 ndenze kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke.
10 Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.
11 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.
12 Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.
13 Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.
14 Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo.
15 Uya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:
16 nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo asisonka kuni;
17 ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.