UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 47

Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga. Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.
2 Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandisa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheke empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.
3 Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite; wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.
4 Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.
5 Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
6 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.
7 Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.
8 Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi ele elwandle, aphiliswe amanzi alo.
9 Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.
10 Kothi ke kume ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zininzi kunene.
11 Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.
12 Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.
13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.
14 Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.
15 Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wothabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;
16 eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.
17 Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati. Licala lasentla ke elo.
18 Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.
19 Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.
20 Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.
21 Nozabela ke eli lizwe ngokwezizwe zakwaSirayeli.
22 Kothi ke nilabe ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubasemzini, abaphambukela kuni, abazele oonyana phakathi kwenu. Kuni boba njengabazalelwe kuloo ndawo abaphakathi koonyana bakaSirayeli; bolamkela ngamaqashiso ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli kunye nani.
23 Kuya kuthi, esizweni aphambukele kuso owasemzini, nimnike ilifa lakhe apho; itsho iNkosi uYehova.