UHezekile

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48


Isahluko 4

Wena ke, nyana womntu, thabatha isitena, usibeke phambi kwakho, ukrole umzi kuso, iYerusalem;
2 uwungqinge, uwakhele iinqaba zokubonisela, uwufumbele udonga lokungqinga; uwenzele iminquba, umisele izinto zokutyhomfa iindonga ngeenxa zonke.
3 Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.
4 Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, uya kubuthwala ubugwenxa babo.
5 Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.
6 Uya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.
7 Uze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho ihlutyiwe, uprofetele kuyo.
8 Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.
9 Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete, uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba.
10 Ukudla kwakho oya kukudla koba ngokomlinganiselo, iishekele ezimashumi mabini ngosuku; uya kusidla amaxesha ngamaxesha.
11 Namanzi wowasela ngomlinganiselo, isahlulo sesithandathu sehin; uya kusisela amaxesha ngamaxesha.
12 Uya kusidla ngokwesonka esiliqebengwana serhasi, usoje emehlweni abo ngeengqatha eziphuma emntwini.
13 Wathi uYehova, Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenjalo ukusidla siyinqambi ezintlangeni, endiya kubagxothela kuzo.
14 Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.
15 Wathi kum, Uyabona, ndikunika amalongo enkomo esikhundleni seengqatha zomntu; soje kuwo isonka sakho.
16 Wathi kum, Nyana womntu, yabona, ndiya kuwaphula umsimelelo osisonka eYerusalem, basidle isonka ngomlinganiselo, benesithukuthezi; bawasele amanzi ngomlinganiselo, bemangalisiwe;
17 ukuze baswele isonka namanzi, bamangalisane, bangcungcutheke ebugwenxeni babo.