Isahluko 64

Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho,
2 njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho.
3 Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho!
4 Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.
5 Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?
6 Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.
7 Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
8 Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela.
9 Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela.
10 Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.
11 Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele.
12 Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?