Isahluko 18

Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi:
2 elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo!
3 Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani.
4 Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna.
5 Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo.
6 Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo.
7 Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon.