Isahluko 44

Kaloku ke yiva, Yakobi mkhonzi wam, Sirayeli endikunyulileyo.
2 Utsho uYehova uMenzi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, uMncedi wakho, ukuthi, Musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, Yeshurun endimnyulileyo.
3 Ngokuba ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho.
4 Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi.
5 Omnye uya kuthi, NdingokaYehova; nomnye uya kunqula igama likaYakobi; kwanomnye uya kuzibhala ngesandla sakhe kuYehova, alihloniphe igama likaSirayeli.
6 Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim.
7 Ngubani na oshumayela njengam-makaxele andicacisele-ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele.
8 Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna.
9 Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane.
10 Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto?
11 Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.
12 Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.
13 Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini.
14 Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise.
15 Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.
16 Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!
17 Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam.
18 Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;
19 banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?
20 Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene?
21 Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim.
22 Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela.
23 Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli..
24 Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke; uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani;
25 uMtshitshisi wemiqondiso yabaphololoza into engeyiyo; uMgezisi wabavumisayo; uMbuyisi wezilumko umva; uMzulisi wokwazi kwazo;
26 uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo;
27 uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho;
28 uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe.