Isahluko 32

Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko;
2 umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.
3 Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo.
4 Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini.
5 Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono;
6 kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.
7 Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.
8 Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene.
9 Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam.
10 Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye.
11 Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni.
12 Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo.
13 Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo.
14 Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe; iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi;
15 ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi.
16 Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo.
17 Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade;
18 abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.
19 Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi.
20 Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile.