Isahluko 23

Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena.
2 Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle.
3 Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga.
4 Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana.
5 Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire.
6 Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene.
7 Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu?
8 Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi?
9 Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.
10 Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.
11 Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.
12 Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk’ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.
13 Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.
14 Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.
15 Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,
16 Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.
17 Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;
18 lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.