Isahluko 50

Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu.
2 Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa;
3 ndambesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo.
4 INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.
5 INkosi uYehova indivule indlebe: ke mna andenza zinkani, andabuya umva.
6 Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.
7 Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana.
8 Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum.
9 Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla.
10 Ngubani na kuni owoyika uYehova, ophulaphula izwi lomkhonzi wakhe? Ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye, makakholose ngegama likaYehova, ayame kuThixo wakhe.
11 Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe iintolo ezinomlilo, hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintolweni ezinomlilo enizivuthisileyo. Ke esandleni sam nantsi into eniya kuyizuza; niya kulala phantsi ninembulaleko.