UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 29

Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
2 Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;
3 Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
4 Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
5 Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;
6 Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli.
7 Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,
8 Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema.
9 Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni.
10 Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,
11 Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela.
12 Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi.
13 Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.
14 Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.
15 Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;
16 Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.
17 Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.
18 Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.
19 Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am.
20 Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.
21 Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam.
22 Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam.
23 Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.
24 Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.
25 Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili.