UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 15

Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
2 Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?
3 Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na?
4 Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;
5 Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo.
6 Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo.
7 Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?
8 Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?
9 Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?
10 Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.
11 Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe?
12 Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho,
13 Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
14 Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
15 Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe.
16 Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
17 Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele;
18 Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
19 Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
20 Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
21 Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi.
22 Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele.
23 Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
24 Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
25 Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla:
26 Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
27 Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
28 Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
29 Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
30 Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe.
31 Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
32 Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
33 Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
34 Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
35 Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso.