UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 26

Waphendula uYobhi, wathi,
2 Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla?
3 Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo?
4 Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?
5 Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.
6 Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila.
7 Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni.
8 Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.
9 Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.
10 Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.
11 Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.
12 Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.
13 Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.
14 Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?