UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 20

Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
2 Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.
3 Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
4 Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
5 Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
6 Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini:
7 Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na?
8 Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.
9 Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.
10 Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
11 Amathambo akhe ebezele bubutsha; Bolaliswa phantsi naye eluthulini.
12 Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe, Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,
13 Wabuconga akabuyeka, Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;
14 Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
15 Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
16 Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu.
17 Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi.
18 Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
19 Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20 Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
21 Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
22 Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
23 Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
24 Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
25 Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.
26 Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
27 Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye.
28 Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.
29 Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.