UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 23

Waphendula uYobhi, wathi,
2 Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
3 Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!
4 Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
5 Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
6 Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.
7 Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
8 Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;
9 Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.
10 Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
11 Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
12 Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
13 Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko.
14 Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye.
15 Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
16 UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile.
17 Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.