UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 10

Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;
2 Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?
3 Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
4 Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?
5 Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:
6 Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,
7 Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
8 Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.
9 Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!
10 Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?
11 Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12 Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
13 Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
14 Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
15 Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.
16 Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;
17 Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
18 Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
19 Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
20 Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
21 Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,
22 Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.