UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 23

Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam! utsho uYehova.
2 Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balusa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova.
3 Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande;
4 ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.
5 Yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kummisela uDavide iHlumelo elililungisa, libe nguKumkani ongukumkani, enze yena ngengqiqo, enze okusesikweni nobulungisa ehlabathini.
6 Ngemihla yakhe uya kusindiswa uYuda, uSirayeli ahlale ekholosile; negama lakhe, aya kubizwa ngalo, leli lokuba, UYehova-ububulungisa-bethu.
7 Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi, Ehleli nje uYehova, owanyusa oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa;
8 baya kuthi, Ehleli nje uYehova, owayinyusayo, owayizisayo imbewu yendlu yakwaSirayeli, ivela ezweni lasentla, nasemazweni onke endabagxothela kuwo; bahlale emhlabeni wabo.
9 Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.
10 Ngokuba ilizwe lizele ngabakrexezi, ngokuba ngenxa yentshwabulo ilizwe lenza isijwili; omile amakriwa entlango; usuke wambi umkhondo wabo, ubugorha babo abulunganga.
11 Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.
12 Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.
13 Kubaprofeti bakwaSamari ndibone ubufedelele; baprofeta ngoBhahali, belahlekisa abantu bam amaSirayeli.
14 Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.
15 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.
16 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.
17 Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.
18 Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibazele indlebe ilizwi lam, waliva?
19 Yabonani, umoya ovuthuzayo kaYehova, uphume ubushushu, umoya ovuthuzayo osisaqhwithi, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.
20 Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nokugqala nikuqonde oko.
21 Andibathumanga abaprofeti abo, kugidime bona; andithethanga kubo, kanti kuprofete bona.
22 Ukuba bebemi elucweyweni lwam, bange bevakalise amazwi am kubantu bam, bababuyisa endleleni yabo embi, nasebubini beentlondi zabo.
23 NdinguThixo wakufuphi na? utsho uYehova, ndingabi nguThixo wakude na?
24 Wosithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Andizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.
25 Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile.
26 Koda kube nini na kuyile nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo?
27 Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali?
28 Umprofeti onephupha makalawule iphupha; onelizwi lam makathethe ilizwi lam enyanisile. Yintoni na enomququ nengqolowa? utsho uYehova.
29 Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?
30 Ngako oko yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abawebayo amazwi am elowo kummelwane wakhe.
31 Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwimi lwabo, bathi, Utsho.
32 Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangabancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.
33 Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Siyintoni na isihlabo sikaYehova? wobaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.
34 Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.
35 Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Utheni na ukuphendula uYehova? utheni na ukuthetha uYehova?
36 Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.
37 Wotsho kumprofeti ukuthi, Utheni na uYehova ukukuphendula? utheni na uYehova ukuthetha?
38 Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova:
39 ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo;
40 ndibeke phezu kwenu isingcikivo esingunaphakade, ihlazo elingunaphakade, elingenakulityalwa.