UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 18

Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,
2 Suka uhle, uye endlwini yombumbi, ndikuvise khona amazwi am.
3 Ndehla ke, ndaya endlwini yombumbi, nanko esenza ishishini ezintendeni.
4 Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
5 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
6 Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo udongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.
7 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.
8 Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.
9 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;
10 kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.
11 Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu.
12 Ke bona bathi, Kuncamekile; ngokuba siya kulandela awethu amacebo, senza elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi.
13 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Khanibuze phakathi kweentlanga, ngubani na okhe weva into enje? Yenze into ebanga amanwele kunene intombi enguSirayeli.
14 Ikhephu laseLebhanon liya kulishiya na iliwa lasezweni? Amanzi anengqele, aqukuqelayo evela kude, aya kutsha na?
15 Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga;
16 ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.
17 Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.
18 Bathi ke, Yizani siyile iqhinga ngoYeremiya; ngokuba awuyi kuphela umyalelo kumbingeleli, necebo kwisilumko, nelizwi kumprofeti. Yizani simbethe ngolwimi, singawabazeli ndlebe amazwi akhe onke.
19 Ndibazele indlebe, wena Yehova; live izwi lababambene nam.
20 Kuya kuvuzwa ngobubi na esikhundleni sokulungileyo, ukuba bawumbele isihogo nje umphefumlo wam? Khumbula ukuma kwam phambi kwakho, ukuba ndithethe okulungileyo ngabo, ukuba ndibuyise ubushushu bakho kubo.
21 Ngako oko banikele oonyana babo endlaleni, ubalahlele emandleni ekrele, abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi, amadoda abo abulawe kukufa, amadodana abo abulawe likrele emfazweni.
22 Makuvakale ukukhala ezindlwini zabo, xa abuzisela amatutu ngesiquphe; ngokuba bambe isihogo sokundibambisa, iinyawo zam bazifihlela izibatha.
23 Ke wena, Yehova, uyawazi onke amaqhinga abo okundibulala. Musa ukubuxolela ubugwenxa babo ngocamagusho, ungasicimi isono sabo ebusweni bakho; ukuze bakhubeke phambi kwakho. Ngexesha lomsindo wakho, yenza kubo.