UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 20

Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyinganga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.
2 UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.
3 Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini. Wathi uYeremiya kuye, UYehova akathi linguPashure igama lakho; uthi linguNxunguphala ngeenxa zonke.
4 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikele onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
5 Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunikele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.
6 Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uye eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.
7 Yehova undirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.
8 Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.
9 Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha egameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.
10 Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angarhwebesheka, simeyise, simphindezele.
11 Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa.
12 Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhilele ubambano lwam.
13 Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.
14 Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo; umhla awandizala ngawo uma mawungasikeleleki.
15 Mayiqalekiswe indoda, eyamshumayeza ubawo udaba lokuthi, Uzalelwe umntwana oyinkwenkwe; yamvuyisa kakhulu.
16 Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;
17 ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi.
18 Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?