UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 2

Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Yiya, umemeze ezindlebeni zeYerusalem, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikukhumbulele inceba yobutsha bakho, uthando lobutshakazi bakho, ukundilandela kwakho entlango, ezweni elingahlwayelwayo.
3 Ubengcwele uSirayeli kuYehova, intlahlela yakhe yongeniselo; bonke abamdlayo bozeka ityala, bofikelwa bububi; utsho uYehova.
4 Liveni ilizwi likaYehova, ndlu kaYakobi, nonke mizalwane yendlu kaSirayeli.
5 Utsho uYehova ukuthi, Bafumana bubi buni na kum ooyihlo, le nto bakhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto?
6 Abatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?
7 Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakungena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.
8 Ababingeleli abatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali, balandela abangancedi nto.
9 Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.
10 Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithume nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;
11 ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengethixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.
12 Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.
13 Ngokuba benze ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.
14 USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kungathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?
15 Zimbharhulele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.
16 Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi badlela elukakayini lwakho.
17 Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?
18 Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo lowo?
19 Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
20 Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.
21 Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?
22 Ungafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.
23 Ungathini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;
24 mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.
25 Luthintele unyawo lwakho lungabi ze, nomqala wakho unganxanwa. Uthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.
26 Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bona ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
27 besithi emthini, Ungubawo; nasetyeni, Undizele; ngokuba bandinikela ikhosi, abandinikela buso ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk’ ume usisindise.
28 Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho babengangenani lemizi yakho, Yuda.
29 Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.
30 Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidle abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.
31 Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kungathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, asizi kuwe?
32 Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.
33 Uyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.
34 Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.
35 Ukanti uthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.
36 Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.
37 Nakuyo leyo uya kuphuma, zisentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.