ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 8

Abumemezi na ubulumko? Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
2 Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni, Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
3 Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko, Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
4 Ndimemeza kuni, madoda; Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
5 Buqondeni ubuqili, ziyatha; Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
6 Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu, Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
7 Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso; Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
8 Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni; Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
9 Yonke iphela ithe gca konengqondo, Ithe tye kwabafumene ukwazi.
10 Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere; Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
11 Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale, Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
12 Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
13 Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
14 Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
15 Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
16 Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
17 Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
18 Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
19 Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
20 Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni;
21 Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
22 UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.
23 Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi.
24 Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
25 Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli;
26 Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo.
27 Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
28 Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
29 Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
30 Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;
31 Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.
32 Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam!
33 Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki.
34 Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam!
35 Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuze okukholekileyo kuYehova.
36 Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.