ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 21

Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova; Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
2 Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo; Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
3 Ukwenza ubulungisa nokusesikweni Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
4 Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo, Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
5 Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
6 Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo Ngumphunga ophephethekayo wabafuna ukufa.
7 Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa; Ngokuba abavumi ukwenza okusesikweni.
8 Iligoso-goso indlela yendoda enetyala; Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.
9 Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
10 Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi; Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.
11 Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha; Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi.
12 Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo. Libaphenulela ebubini abangendawo.
13 Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli, Naye uya kubiza, angaviwa.
14 Isipho entsithelweni sinqanda umsindo, Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla.
15 Kuluvuyo kwilungisa ukwenza okusesikweni; Kuqhiphula umbilini kubasebenzi bobutshinga.
16 Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo, Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo.
17 Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo; Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.
18 Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa; Inginingini lisesikhundleni sabathe tye.
19 Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango, Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.
20 Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko; Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.
21 Ophuthuma ubulungisa nenceba Wofumana ubomi nobulungisa nozuko.
22 Isilumko siyaqabela emzini wamagorha, Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.
23 Ogcine umlomo wakhe nolwimi lwakhe Ugcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.
24 Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe; Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.
25 Umnqweno wevila uyalibulala, Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.
26 Imini yonke linqwena linqwenile, Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.
27 Umbingelelo wabangendawo lisikizi; Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!
28 Ingqina elinamanga liyatshabalala; Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.
29 Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso; Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.
30 Akukho bulumko, akukho ngqondo, Akukho cebo malungana noYehova.
31 Ihashe lilungiselwa imini yokulwa, Ke usindiso lona lunoYehova.