ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 1

Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;
2 Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;
3 Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;
4 Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;
5 Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko;
6 Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.
7 Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
8 Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko.
9 Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho.
10 Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.
11 Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala;
12 Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini;
13 Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;
14 Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke:
15 Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.
16 Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi;
17 Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke;
18 Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo.
19 Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.
20 Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni.
21 Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:
22 Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?
23 Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am.
24 Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo;
25 Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya.
26 Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;
27 Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.
28 Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani;
29 Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova;
30 Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam:
31 Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo.
32 Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazi bulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabala lisa.
33 Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.