ImiZekeliso

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 6

Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho, Wabambana nomnye ngesandla:
2 Urhintyelwe ngentetho yomlomo wakho, Uthiwe hlasi ngentetho yomlomo wakho.
3 Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule; Kuba uzifake esandleni sommelwane wakho; Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho.
4 Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho, Ungaziniki kozela iinkophe zakho;
5 Zihlangule esandleni njengebhadi, Njengentaka esandleni somthiyeli.
6 Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke:
7 Yona ithi, ingenamphathi, Namongameli, namlawuli,
8 Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.
9 Kunini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?
10 Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
11 Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.
12 Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;
13 Utyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe.
14 Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Ungenisa ingxabano.
15 Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe; Uya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.
16 Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:
17 Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;
18 Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;
19 Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
20 Nyana wam, bamba umthetho kayihlo, Ungasilahli isiyalo sikanyoko.
21 Sibophe entliziyweni yakho okukanye, Usinxibe emqaleni wakho.
22 Ekuhambeni kwakho sokukhapha; Ekulaleni kwakho sokugcina; Ekuvukeni kwakho soncokola nawe.
23 Ngokuba usisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo; Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;
24 Ukuba ugcinwe kumfazi onobubi, Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.
25 Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho, Angakubambisi ngeenkophe zakhe;
26 Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka; Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.
27 Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, Zingatshi na iingubo zakhe?
28 Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, Zingatyabuki na iinyawo zakhe?
29 Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
30 Alidelwa isela, xa lithe labela Ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;
31 Lifunyenwe, lihlawula kasixhenxe, Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.
32 Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
33 Ufumanana nobetho nocukucezo, Ungcikivo lwakhe alucimi.
34 Kuba ikhwele libubushushu bendoda, Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.
35 Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na; Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.