IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 8

UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho zine ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.
2 Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu.
3 Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.
4 Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
5 Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mane, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
7 wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
8 Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
9 Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
10 Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.
11 Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.
12 Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.
13 Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.
14 Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.
15 Wathetha uThixo kuNowa, esithi,
16 Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
17 Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalise ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
18 Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye.
19 Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.
20 UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso.
21 UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.
22 Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.