IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 48

Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.
2 Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
3 UYakobi wathi uYosefu, uThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.
4 Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilinike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.
5 Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam; njengoRubhen noSimon.
6 Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.
7 Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
8 USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba?
9 Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele.
10 Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.
11 USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.
12 UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
13 UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.
14 USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.
15 Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,
16 angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.
17 Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase.
18 Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe.
19 Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.
20 Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe uya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.
21 USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo.
22 Mna ndikunike isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.