IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 11

Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.
2 Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.
3 Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka.
4 Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
5 UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.
6 Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
7 Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
8 UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
9 Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
10 Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.
11 UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.
12 UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela.
13 UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mane anamathathu, wazala oonyana neentombi.
14 UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere.
15 UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mane anamithathu, wazala oonyana neentombi.
16 UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anamine, wazala uPelege.
17 UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mane anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi.
18 UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu.
19 UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi.
20 URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi.
21 URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi.
22 USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore.
23 USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi.
24 UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera.
25 UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.
26 UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.
27 Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.
28 Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.
29 UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.
30 USarayi ebengazali, engenamntwana.
31 UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.
32 Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran.