IGenesis

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50


Isahluko 10

Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.
2 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.
3 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.
4 Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan.
5 Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.
6 Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.
7 Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
8 UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.
9 Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.
10 Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, neAkadi, neKalene, ezweni leShinare.
11 Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wikha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,
12 neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.
13 UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
14 namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
15 UKanan wazala uTsidon, owamazi bulo wakhe, noHeti,
16 namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
17 namaHivi, nama-Areki, namaSin,
18 nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.
19 Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.
20 Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.
21 UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.
22 Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.
23 Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi.
24 UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.
25 UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
26 UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,
27 noHadoram, noUzali, noDikela,
28 no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha,
29 no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan.
30 Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga.
31 Ngabo abo oonyana bakaShem ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ngokweentlanga zabo.
32 Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.