IsiTyhilelo

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22


Isahluko 6

Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zone, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone.
2 Ndabona, nalo ihashe elimhlophe; lowo ke wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise.
3 Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone.
4 Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
5 Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali sokulinganisa esandleni sakhe.
6 Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.
7 Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesine lisithi, Yiza ubone.
8 Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufa igama lakhe, nelabafileyo lilandelelana naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesine somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba.
9 Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo.
10 Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba?
11 Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
12 Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; yathi inyanga yaba njengegazi;
13 zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.
14 Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo.
15 Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.
16 Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana;
17 ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?