IsiTyhilelo

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22


Isahluko 2

Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:
2 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.
3 Uthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.
4 Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.
5 Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.
6 Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
7 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.
8 Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:
9 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.
10 Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
11 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.
12 Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi:
13 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
14 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo.
15 Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo.
16 Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.
17 Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.
18 Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi: Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, onyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, ukuthi:
19 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nokuba imisebenzi yakho yokugqibela imininzi kuneyokuqala.
20 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.
21 Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.
22 Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;
23 nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu.
24 Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.
25 Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.
26 Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.
27 Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;
28 ndiya kumnika ikhwezi lokusa.
29 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.