IsiTyhilelo

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22


Isahluko 19

Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi: Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla NgaweNkosi uThixo wethu!
2 Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
3 Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile, Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo. Bathi okwesibini: Haleluya! Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.
4 Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamane, nezinto eziphilileyo zone, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen!
5 Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
6 Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi: Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
7 Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile.
8 Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
9 Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.
10 Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
11 Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.
12 Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingaziwa namnye ungenguye.
13 Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo.
14 Yaye imikhosi esemazulwini imlandela, ikumahashe amhlophe, bambethe ilinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe.
15 Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalusa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla.
16 Engutyeni yakhe nasethangeni lakhe wayenegama libhaliwe kwathiwa, uKumkani kaKumkani, uNkosi kaNkosi.
17 Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu;
18 ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.
19 Ndalibona irhamncwa, nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, nomkhosi wakhe.
20 Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.
21 Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo luphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo.