1 KwabaseKorinte

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 9

Andingumpostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? Aninguwo na nina umsebenzi wam eNkosini?
2 Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini.
3 Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku.
4 Asinagunya na lokudla nokusela?
5 Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa?
6 Sithi sedwa noBharnabhas lo na, abangenagunya lokuba bangasebenzi?
7 Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Khona ngubani na owalusa umhlambi, aze angawadli amasi omhlambi lowo?
8 Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awuthethi kwaezo zinto nawo na umthetho?
9 Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na into ayikhathaleleyo uThixo?
10 Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kakade kwabhalwa ngenxa yethu; ngokuba lowo ulimayo ufanele ukulima ethembile; lowo ubhulayo ufanele ukubhula enethemba lokuyaba loo nto athembe yona.
11 Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?
12 Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu.
13 Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile, abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso?
14 Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.
15 Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi ndawo andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungandilungelayo kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.
16 Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!
17 Kuba xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.
18 Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukukuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.
19 Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.
20 KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;
21 kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;
22 kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.
23 Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.
24 Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.
25 Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala.
26 Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukugalela ngenqindi, ndingangi ndibetha umoya;
27 ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.