1 KwabaseKorinte

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 14

Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete.
2 Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.
3 Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo.
4 Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.
5 Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.
6 Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso?
7 Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungathiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi?
8 Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe?
9 Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.
10 Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona.
11 Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum.
12 Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla.
13 Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe.
14 Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo.
15 Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo.
16 Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi?
17 Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki.
18 Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke;
19 kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
20 Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.
21 Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.
22 Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo.
23 Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza?
24 Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke;
25 zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.
26 Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.
27 Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho.
28 Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.
29 Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.
30 Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.
31 Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.
32 Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;
33 kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
34 Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.
35 Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.
36 Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na?
37 Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi.
38 Ke ukuba umntu akazi, makangazi.
39 Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi.
40 Zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano.