1 KwabaseKorinte

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 5

Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.
2 Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3 Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya; sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;
4 ndathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakubon’ ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),
5 makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.
6 Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?
7 Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.
8 Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.
9 Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;
10 kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
11 Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.
12 Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina?
13 Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.