UHoseya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14


Isahluko 3

Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.
2 Ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lesilivere, nehomere yerhasi, neleteke yerhasi.
3 Ndathi kuye, Uze uhlalele mna imihla emininzi, ungahenyuzi, ungabi wandoda yimbi; nam ndenjenjalo kuwe.
4 Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenamthetheli, bengenambingelelo, bengenasimiso samatye, bengenaefodi namilonde-khaya.
5 Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.