UHoseya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14


Isahluko 14

Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho.
2 Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Sixolele bonke ubugwenxa, wamkele izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.
3 UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.
4 Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.
5 Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; uya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.
6 Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon.
7 Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon.
8 Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndimkhathalela; ndinjengomsipres oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.
9 Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.