UHoseya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14


Isahluko 12

UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo: banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.
2 UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe.
3 Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.
4 Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi.
5 UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.
6 Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.
7 Ungumrhwebi ophethe isikali senkohliso, uthanda ukucudisa.
8 Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.
9 Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko.
10 Ndithethe kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti.
11 Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi.
12 UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram, uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi.
13 UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke.
14 UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.