UYoshuwa

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24


Isahluko 20

Wathetha uYehova kuYoshuwa, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Zimiseleni imizi yokusabela, endathetha ngayo kuni ngoMoses;
3 ukuba abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi engazi, ibe ziindawo zenu enobalekela kuzo ukusaba umphindezeleli wegazi;
4 abalekele komnye waloo mizi, eme ekungeneni kwesango lomzi, awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu aloo mzi amazwi akhe; amamkelele kuloo mzi, abe kuwo, amnike indawo, ukuba ahlale nawo.
5 Othi, xenikweni umphindezeleli wegazi amsukelayo, angamnikeli umbulali esandleni sakhe, ngokuba wambulala ummelwane wakhe engazi, ebengamthiyile ngaphambili.
6 Wohlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kubakho ngezo mini, andule umbulali ukubuyela emzini wakowabo, nasendlwini yakhe, emzini abebaleke ekuwo.
7 Bangcwalisa ke iKedeshe eGalili, ekweleentaba lakwaNafetali; nelakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim; neKiriyati ka-Arbha, ngowaseHebron ke lowo, kweleentaba lakwaYuda.
8 Naphesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga, bamisa iBhetsere entlango, ethafeni, esizweni sakwaRubhen; neRamoti kwelaseGiliyadi, esizweni sakwaGadi; neGolan eBhashan, esizweni sakwaManase.
9 Yiyo leyo imizi eyamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli, nowasemzini ophambukele phakathi kwabo, ukuba babalekele kuyo bonke abantu ababulele umntu ngengozi, ukuba bangafi sisandla somphindezeleli wegazi, bade beme phambi kwebandla.