UYoshuwa

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24


Isahluko 13

Ke kaloku uYoshuwa wayeseleyinoda enkulu, eselekhulile; wathi uYehova kuye, Wena useluyindoda enkulu, uselukhulile; ke ilizwi elisaseleyo lokuhluthwa liselininzi kunene.
2 Lilo eli ilizwe elisaseleyo: yonke imimandla yamaFilisti, neyamaGeshuri onke,
3 ithabathela eShihore ephambi kweYiputa, ise emdeni wase-Ekron ngasentla ebalelwa kwakumaKanan; eyezikhulu zozihlanu zamaFilisti: eyabaseGaza, neyabaseAshdode, neyabaseAshkelon, neyabaseGati, neyabase-Ekron, neyabaseAvi ngasezantsi;
4 lonke ilizwe lamaKanan, nomqolomba ongowamaTsidon, lise eAfeka, lise emdeni wama-Amori;
5 nelizwe lamaGebhali, neLebhanon yonke ngasempumalanga, lithabathela eBhahali-gadi phantsi kwentaba yeHermon, ude uye eHamati;
6 bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wothi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.
7 Ke ngoko labe eli lizwe libe lilifa kwezizwe ezisithoba, nakwesiqingatha sesizwe sakwaManase,
8 esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:
9 lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;
10 nemizi yonke kaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, lise emdeni woonyana baka-Amon;
11 nelaseGiliyadi, nomda wamaGeshuri, namaMahakati, nentaba yonke yeHermon, neBhashan yonke kuse eSaleka;
12 bonke ubukukumkani bukaOgi eBhashan, obephethe ubukumkani eAshtaroti, nase-Edreyi, ngowayesele kumasalela amaRafa. Wawabetha uMoses wawagqogqa.
13 Noko ke oonyana bakaSirayeli abawagqogqanga amaGeshuri, namaMahakati; ahleli amaGeshuri namaMahakati phakathi kwamaSirayeli unanamhla.
14 Sisizwe sakwaLevi sodwa angasinikanga lifa; ukudla kwasemlilweni kukaYehova uThixo wamaSirayeli lilifa laso, njengoko wathethayo kuso.
15 UMoses wasinika ilifa isizwe soonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo.
16 Umda wabo wathabathela eArohere, ngasemlanjaneni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo, nehewu lonke elingaseMedebha;
17 iHeshbhon nemizi yayo yonke esehewu; iDibhon, neBhamoti-bhahali, neBhete-bhahali-mehon,
18 neYatsa, neKedemoti, neMafahati,
19 neKiriyatayim, neSibhema, neTserete-shahare entabeni yentili;
20 neBhete-pehore, namaxandeka asePisga, neBhete-yeshimoti,
21 nemizi yonke yehewu, nobukumkani bonke bukaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, owabulawayo nguMoses kunye nezikhulu zakwaMidiyan: ooEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, iinkosana zikaSihon ezihleli kwelo zwe.
22 NoBhileham unyana kaBhehore, itola, bambulala oonyana bakaSirayeli ngekrele, phakathi kwabahlatyiweyo ngabo.
23 Umda woonyana bakaRubhen waba yiYordan nommandla wayo. Lilo elo ilifa loonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo, imizi yabo nemizana yabo.
24 UMoses isizwe sakwaGadi, oonyana bakaGadi, wabanika ilifa ngokwemizalwane yabo.
25 Umda wabo waba yiYazere, nemizi yonke yaseGiliyadi, nesiqingatha selizwe loonyana baka-Amon, wesa eArohere, ephambi kweRabha;
26 wathabathela eHeshbhon, wesa eRamatimitsepe, neBhetonim; wathabathela eMahanayim, wesa emdeni weLidebhiri; nasentilini:
27 iBhete-haram, neBhete-nimra, neSuloti, neTsafon, amasalela obukumkani bukaSihon ukumkani weHeshbhon, iYordan nommandla wayo, wesa ekupheleni kolwandle lwaseKinerete, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
28 Lilo elo ilifa loonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo, imizi yabo, nemizana yabo.
29 UMoses wasinika ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase. Laba lelesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo.
30 Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.
31 Nesiqingatha saseGiliyadi, neAshtaroti, ne-Edreyi, imizi yobukumkani bakaMakire, unyana kaManase, isiqingatha soonyana bakaMakire ngokwemizalwane yabo.
32 Ngawo lawo amafa awawabayo uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga.
33 Ke isizwe sakwaLevi uMoses asasinikanga lifa. NguYehova uThixo kaSirayeli ilifa laso, njengoko wathethayo kuso.