UYoshuwa

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24


Isahluko 12

Ngabo ke aba ookumkani belizwe, ababulawayo ngoonyana bakaSirayeli, balihlutha ilizwe labo phesheya kweYordan ngasempumalanga, bethabathela emlanjaneni oyiArnon, besa entabeni yeHermon, neArabha yonke ngasempumalanga:
2 nguSihon ukumkani wama-Amori, obehleli eHeshbhon, elawula ethabathela eArohere engasemlanjaneni oyiArnon, naphakathi kwesihlambo, nasesiqingatheni seGiliyadi, wesa emlanjaneni oyiYabhoki, engumda woonyana baka-Amon;
3 neArabha, wesa elwandle lwaseKidneroti ngasempumalanga, wesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa ngasempumalanga, ngendlela yeBhete-yeshimoti; nasezantsi, phantsi kwamaxandeka asePisga.
4 Bahlutha necala likaOgi ukumkani waseBhashan, owayesele kumaRafa, obehleli eAshtaroti nase-Edreyi,
5 elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.
6 UMoses, umkhonzi kaYehova, noonyana bakaSirayeli bababulala abo. UMoses, umkhonzi kaYehova, walinika lamiwa ngamaRubhen, nangamaGadi, nesiqingatha sesiwe sakwaManase.
7 Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulalayo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kwaYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli, zema kulo ngokweentlantlu zazo,
8 ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:
9 ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;
10 ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngekumkani waseHebron, emnye;
11 ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;
12 ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;
13 ngukumkani waseDebhiri emnye; ngukumkani waseGedere, emnye;
14 ngukumkani waseHorma, emnye;
15 ngukumkani waseArade, emnye; ngukumkani waseLibhena, emnye; ngukumkani waseAdulam, emnye;
16 ngukumkani waseMakeda, emnye; ngukumkani waseBheteli, emnye;
17 ngukumkani waseTapuwa, emnye; ngukumkani waweHefere, emnye;
18 ngukumkani waseAfeki, emnye; ngekumkani waseLasharon, emnye;
19 ngukumkani waseMadon, emnye; ngukumkani waseHatsore, emnye;
20 ngukumkani waseShimron-merom, emnye; ngukumkani waseAkeshafi, emnye;
21 ngukumkani waseTahanaki, emnye; ngukumkani waseMegido, emnye;
22 ngukumkani waseKedeshe, emnye; ngukumkani waseYokeneham eKarmele, emnye;
23 ngukumkani waseDore ezindulini zeDore, emnye; ngukumkani wamaGoyi eGiligali, emnye;
24 ngukumkani waseTirtsa, emnye. Bonke ookumkani abo ngamashumi omathathu anamnye.